Jeremiah 36:29 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakuye u‐Yoyakime ukumkani wo‐Juda uya kuti: Utsho uyehova ukuti: Uwutshisile umqulu lo, usiti: Yinina ukuba uba̔lile kuwo, ngokuti: Ukumkani we‐Babilone uya kuza ngokwenyaniso, alitshabalalise elilizwe, enze nokuba abantu nezilo zipele kulo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uze uthi kuYehoyakim ukumkani wakwaYuda, Utsho uYehova ukuthi, Wena uyitshisile le ncwadi isongwayo, usithi, Yini na ukuba ubhale kuyo ukuthi, Ukumkani waseBhabheli uya kuza eze, alonakalise eli lizwe, aphelise umntu nenkomo kulo?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uze uthi kuYehoyakim ukumkani wakwaYuda, Utsho uYehova ukuthi, Utsho uYehova ukuthi, Utsho uYehova ukuthi, Utsho uYehova ukuthi, NdinguYehova; Uyitshisile incwadi, wathi, Yini na ukuba ubhale kuyo, usithi, Ukumkani waseBhabheli uya kuza na, alonakalise eli lizwe, atshabalalise abantu neenkomo kulo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uze uthi kuJoyakim ukumkani wakwaJuda: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Wena uyitshisile laa ncwadi, usithi: “Kutheni ukuba ubhale usithi ngenene ukumkani waseBhabheli uza kulitshabalalisa eli lizwe, atshitshise konke abantu nempahla?”