Jeremiah 36:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ingati indlu ka‐Juda iya kuva lonke ilishwa endicingayo ukubenzela lona, ukuze babuye abanye ngabanye endleleni yabo ekohlakeleyo, ndize ndibaxolele ityala labo nesono sabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mhlawumbi indlu kaYuda ingabuphulaphula bonke ububi endicinga ukubenza kubo, ukuze babuye elowo endleleni yakhe embi, ndibuxolele ubugwenxa babo nesono sabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Mhlawumbi indlu kaYuda ingabuva bonke ububi endicinga ukubenza kubo; ukuze babuye elowo endleleni yakhe embi; ukuze ndibuxolele ubugwenxa babo nesono sabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Mhlawumbi bangaguquka kule mikhwa mibi yabo abantu bakwaJuda xa besiva ngentlekele endizimisele ukubazisela yona, nam ke ndibaxolele izikreqo nezono zabo.”