Jeremiah 36:30 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko utsho uyehova ngaye u‐Yoyakime ukumkani wo‐Juda, ukuti: Akayi kuba namnye ohleli eteroneni ka‐Davide; nesidumbu sake sona siya kulahlelwa ebushushwini emini, nasengqeleni ebusuku.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko, utsho uYehova ngokusingisele kuYehoyakim ukumkani wakwaYuda, ukuthi, Akuyi kubakho bani wakwakhe kuye, uhlalayo etroneni kaDavide; isidumbu sakhe siya kulahlelwa ebushushwini belanga emini, naseqabakeni ebusuku.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko, wathetha uYehova ngoYehoyakim ukumkani wakwaYuda, wathi, Akuyi kubakho bani uya kuhlala etroneni kaDavide; isidumbu sakhe siya kulahlelwa elwandle emini, ebusuku yingqele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ngoko utsho uNdikhoyo malunga noJoyakim ukumkani wakwaJuda ukuthi: “Yena akayi kuba namzukulwana uya kulawula esikhundleni sikaDavide. Isidumbu sakhe siya kulahlwa, sitshe lilanga emini, silale iqabaka ebusuku.