Jeremiah 36:32 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Jeremiya watabata umqulu omnye, wawunika ku‐Baruke, unyana ka‐Neriya, umba̔li; owaba̔la kuwo, ngomlomo ka‐Jeremiya, onke amazwi encwadi ebitshisiwe ngu‐Yoyakime ukumkani wo‐Juda emlilweni: kwaye kusongezwa kuwo amazwi amaninzi abenjengawo la.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYeremiya wathabatha enye incwadi esongwayo, wayinika uBharuki unyana kaNeriya, umbhali; wawabhala kuyo, ephuma emlonyeni kaYeremiya, onke amazwi encwadi awayitshisayo uYehoyakim ukumkani wakwaYuda ngomlilo. Kongezelelwa kuwo amazwi amaninzi, anjengawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYeremiya wathabatha enye incwadi esongwayo, wayinika uBharuki unyana kaNeriya, umbhali; owawabhalayo kuyo, ephuma emlonyeni kaYeremiya, onke amazwi encwadi awayitshisayo uYehoyakim ukumkani wakwaYuda ngomlilo; kongezelelwa kuwo amazwi amaninzi anjengawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathatha enye incwadi uJeremiya, wayinika unobhala uBharaki unyana kaNeriya. UBharuki wabhala onke loo mazwi wawabizelwa nguJeremiya ayekulaa ncwadi yatshiswa ngukumkani. Kongezwa namanye amazwi amaninzi anjengawo.