Jeremiah 36:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Jeremiya wabiza u‐Baruke unyana ka‐Neriya; waye u‐Baruke waba̔la ngomlomo ka‐Jeremiya onke amazwi kayehova, lawo ubewatetile kuye, pezu kwomqulu wencwadi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYeremiya wabiza uBharuki unyana kaNeriya, wawabhala encwadini esongwayo uBharuki, ephuma emlonyeni kaYeremiya, onke amazwi kaYehova, awawathethayo kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYeremiya wabiza uBharuki unyana kaNeriya, wawabhala encwadini uBharuki onke amazwi kaYehova, awaphuma emlonyeni kaYeremiya, abemxelele yona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJeremiya wabiza uBharuki unyana kaNeriya, wambizela onke amazwi kaNdikhoyo awathethe kuye, yena uBharuki wawabhala encwadini apho.