Jeremiah 36:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
uz’ uye wena, uleseshe emqulwini, lowo uwuba̔lileyo ngomlomo wam, amazwi kayehova, ezindlebeni zabantu, endlwini kayehova, ngemini yokuzila; nakanjalo ezindlebeni zo‐Juda bonke, abavela ezixekweni zabo, uya kuwalesesha.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yiya wena, uwalese encwadini esongwayo, leyo uyibhalileyo, ephuma emlonyeni wam, amazwi kaYehova, ezindlebeni zabantu endlwini kaYehova ngomhla wokuzila ukudla; uwalese nasezindlebeni zamaYuda onke, avela emizini yawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yiya ke, uwalese eloo ncwadi uyibhale emlonyeni wam, amazwi kaYehova, apho bawevayo abantu endlwini kaYehova ngomhla wokuzila ukudla; funda apho asaphulaphule onke amaYuda asuka ezilalini zawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke mayibe nguwe oyayo endlwini kaNdikhoyo ngomhla wenzila, ufike ufundele abantu amazwi kaNdikhoyo lawo uwabhale ubizelwa ndim. Fundela bonke abantu bakwaJuda abafika bevela kwiidolophu ngeedolophu.