Jeremiah 36:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Baruke unyana ka‐Neriya wenza ngako konke abemyalele kona u‐Jeremiya umprofite, ngokulesesha encwadini leyo amazwi kayehova, endlwini kayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wenza ke uBharuki unyana kaNeriya njengako konke abemwisele umthetho uYeremiya umprofeti, wokuba awalese encwadini amazwi kaYehova endlwini kaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uBharuki unyana kaNeriya wenza ngokomyalelo kaYeremiya umprofeti, wawalesa encwadini amazwi kaYehova endlwini kaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UBharuki unyana kaNeriya wenze njengoko wayalelwa ngumshumayeli uJeremiya, wabafundela abantu apho endlwini kaNdikhoyo loo mazwi ayebhalwe kuloo ncwadi.