Jeremiah 36:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati, ngomnyaka wesihlanu ka‐Yoyakime unyana ka‐Josiya ukumkani wo‐Juda, ngenyanga yesitoba, bashumayela inzilo pambi kwoyehova bonke abantu abase‐Yerusaleme, nabo bonke abantu abebevele ezixekweni zakwa‐Juda ukuza e‐Yerusaleme.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ngomnyaka weshumi kaYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, ngenyanga yesithoba, bamema uzilo lokudla phambi koYehova kubantu bonke baseYerusalem, nakubantu bonke ababevele emizini yakwaYuda, beza eYerusalem.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngomnyaka wesihlanu wobukumkani bukaYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, ngenyanga yesithoba, kwavakaliswa ukuba bazile ukudla bonke abantu baseYerusalem, nabo bonke abantu abaphuma ezweni lakwaYuda iilali zesixeko. uYuda waya eYerusalem.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngenyanga yethoba, kunyaka wesihlanu uJoyakim engukumkani wakwaJuda, kwabhengezwa umhla wenzila kubo bonke abantu baseJerusalem kwanâbo babevela kwiidolophu zakwaJuda. Injongo yayiyeyokuba bazisole phambi koNdikhoyo.