Jeremiah 37:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KEKALOKU u‐Zedekiya unyana ka‐Josiya wapata ubukumkani esikundleni sika‐Koniya unyana ka‐Yoyakime, lowo u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone ubemenzile ukumkani elizweni lakwa‐Juda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku ukumkani uZedekiya unyana kaYosiya waba ngukumkani esikhundleni sikaKoniyahu unyana kaYehoyakim, owenziwa ukumkani ezweni lakwaYuda nguNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukumkani uZedekiya, unyana kaYosiya, waba ngukumkani esikhundleni sikaKoniya unyana kaYehoyakim, owabekwa nguNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli ezweni lakwaYuda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UZedekiya unyana kaYosiya wabekwa waba ngukumkani wakwaJuda, emiselwa ngukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli. Wangena ezihlangwini zikaKoniya unyana kaJoyakim