Jeremiah 37:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa abesesangweni lika‐Benjamine, kwabako kona inkosi yokulinda, egama lingu‐Yirija, unyana ka‐Shelemiya, unyana ka‐Hananiya; yena wambamba u‐Jeremiya umprofite, esiti: Uyapongomela kuwo ama‐Kaledine!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, esesangweni lakwaBhenjamin, ekhona nomphathi-balindi, ogama linguIriya unyana kaShelemiya, unyana kaHananiya, wambamba uYeremiya umprofeti, esithi, Uphambela kumaKaledi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi, esesangweni lakwaBhenjamin, nanko kukho umthetheli wabasiki, ogama linguIriya, unyana kaShelemiya, unyana kaHananiya; wambamba uYeremiya umprofeti, wathi, Uwela esandleni samaKaledi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe akufika kwisango leJerusalem ekuthiwa lelakwaBhenjamin, umshumayeli uJeremiya wabanjwa nguIriya, unyana kaShelemiya owayezalwa nguHananiya, owayeyintloko yabalindi, wathi: “Ubhacela kumaKaledi!”