Jeremiah 37:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wandula watuma ukumkani u‐Zedekiya wamtabata; waza ukumkani wambuza ngasese endlwini yake, wati: Liko na ilizwi livela kuyehova? Wati u‐Jeremiya: Liko; wayesiti: Uya kunikelwa esandleni sokumkani we‐Babilone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthe ke ukumkani uZedekiya wathumela, wamthabatha;ukumkani wambuza endlwini yakhe ngasese, wathi, Kukho lizwi na liphuma kuYehova? Wathi uYeremiya, Likho; wathi, Uya kunikelwa esandleni sokumkani waseBhabheli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathumela ukumkani uZedekiya ukuba amkhuphe; Ukumkani wambuza endlwini yakhe ngasese, wathi, Kukho lizwi na liphuma kuYehova? Wathi uYeremiya, Ewe, ngokuba usithi, Uya kunikelwa esandleni sokumkani waseBhabheli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko ukumkani uZedekiya wathi makasiwe kuye ebhotwe, apho wambuza khona ngasese esithi: “Ngaba unalizwi livela kuNdikhoyo?” Waphendula wathi uJeremiya: “Ewe, ndinalo. Wena uza kunikezelwa esandleni sokumkani waseBhabheli.”