Jeremiah 37:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa yena, nezicaka zake, nabantu belizwe, bebengapulapuli kuwo amazwi kayehova, lawo abewateta ngo‐Jeremiya umprofite.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akawaphulaphula naye, nabakhonzi bakhe, nabantu belizwe, amazwi kaYehova awawathethayo ngoYeremiya umprofeti.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa yena nabakhonzi bakhe okanye abantu belizwe abazange bawaphulaphule amazwi kaYehova awayewathethile ngoYeremiya umprofeti.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
owayengazange awahoye, yena namaphakathi akhe, nabantu belizwe, amazwi *kaNdikhoyo awayeshunyayelwa ngumshumayeli uJeremiya.