Jeremiah 37:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Niya kutsho kukumkani wo‐Juda onitumileyo kum ukuza knndibuza, ukuti: Bona ke, impi ka‐Faro, epumeleyo ukuncedwa kwenu, iya kubuyela elizweni layo e‐Jipete.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yitshoni kukumkani wakwaYuda, onithume ukuza kubuzisa kum, ukuthi, Yabonani, impi kaFaro ephume isiza ukuninceda, iya kubuyela ezweni layo eYiputa;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Uze uthi kukumkani wakwaYuda, lowo uthume kum ukuba andibuze; Yabonani, imikhosi kaFaro ephume isiza kuninceda, iya kubuyela ezweni layo eYiputa;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: ‘Mxeleleni ukumkani wakwaJuda obenithume kum nithi ndithi: Nanko umkhosi wokumkani waseJiputa obuze kuncedisana nani ubuyela kwakwelakowawo eJiputa.