Jeremiah 38:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wasuka u‐Hebedi‐meleke watabata naye amadoda lawo, waya endlwini yokumkani ngapantsi kwenkambili yendyebo, wasusa kona amajacu engubo eziṙazukileyo, namajacu engubo ezigugileyo, wazihlisela ku‐Jeremiya emnxunyeni ngentambo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UEbhedi-meleki wathabatha amadoda lawo asesandleni sakhe, waya endlwini yokumkani ngaphantsi kwendlu yobuncwane, wathabatha khona amadlavu eengubo ezikrazukileyo nawezonakeleyo, wawathobela kuYeremiya emhadini ngezintya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wawathabatha ke amadoda lawo uEbhedi-melege, wangena endlwini yokumkani ngaphantsi kwengxowa yobuncwane, wathabatha khona izikhondo zelaphu neempahla ezibolileyo, wazithobela emhadini kuYeremiya ngeentsontelo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wanduluka ke naloo madoda uEbhedi-meleki, waya nawo kwigumbi elalisebhotwe ngaphantsi kwendlu enguvimba wasebhotwe. Wathatha amadlavu apho, wawathobela emhadini kuJeremiya, ebotshwe ngentambo.