Jeremiah 38:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza watuma ukumkani u‐Zedekiya, wamtabatela kuye u‐Jeremiya umprofite emnyango wesitatu, obusendlwini kayehova; wayesiti ukumkani ku‐Jeremiya: Ndokubuza indawo, zungandifihleli nto.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathuma ukumkani uZedekiya, wamthabathela kuye uYeremiya umprofeti, ekungeneni emnyango wesithathu osendlwini kaYehova.Wathi ukumkani kuYeremiya, Ndiya kukubuza indawo; uze ungafihli nto kum.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathumela ukumkani uZedekiya, wamzisa kuye uYeremiya umprofeti, ekumnyango wesithathu wendlu kaYehova; Wathi ukumkani kuYeremiya, Ndiya kukubuza zwi-nye; ungafihli nto kum.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko ukumkani uZedekiya wathi makaye kubizwa umshumayeli uJeremiya, asiwe kumnyango wesithathu wendlu *kaNdikhoyo. Uthe akufika uJeremiya, ukumkani wathi: “Ndifuna ukukubuza into; uze ungandifihleli.”