Jeremiah 38:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Jeremiya wati ku‐Zedekiya: Utsho uyehova, utixo wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Ukuba uya kupumela kuzo inkosana zokumkani we‐Babilone ngokuvuma, umpefumlo wako uya kupila, nesixeko esi asiyi kutshiswa ngomlilo; ewe, uya kupila, wena nendlu yako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYeremiya kuZedekiya, Utsho uYehova, uThixo wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ukuba uthe waphuma ukuphuma oku, waya kubathetheli bokumkani waseBhabheli, wophila umphefumlo wakho, nalo mzi ungatshiswa ngomlilo; uphile wena nendlu yakho;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYeremiya kuZedekiya, Utsho uYehova, uThixo wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabona, ndinguYehova, uThixo wemikhosi, Thixo kaSirayeli. Ukuba uthe waphuma waphuma waya kubathetheli bokumkani waseBhabheli, wophila umphefumlo wakho, nalo mzi ungatshiswa ngomlilo; niphile wena nendlu yakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJeremiya ke ubhekise kukumkani uZedekiya wenjenje: “Utsho uNdikhoyo uThixo onamandla onke onguThixo kaSirayeli ukuthi: ‘Ukuba uyaphuma ngoku uzinikezele kubaphathi-mkhosi bokumkani waseBhabheli, ubomi bakho buya kusinda, nesi sixeko singàtshatyalaliswa ngomlilo, usinde kunye nentsapho yakho.