Jeremiah 38:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho uyehova ukuti: Lowo usalayo kwesisixeko, wobuba ngesiṙele, ngendlala, nangesifo esibubisayo; kodwa lowo upumela kuwo ama‐Kaledine, uya kupila; ewe, ubomi bake boba lixoba kuye, waeya kupila.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova ukuthi, Ohlala kulo mzi wofa likrele, nayindlala, nayindyikitya yokufa; ophuma aye kumaKaledi wophila, ube lixhoba kuye umphefumlo wakhe, aphile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Utsho uYehova ukuthi, Bonke abaseleyo kulo mzi bobulawa likrele, nayindlala, nayindyikitya yokufa; ophuma aye kumaKaledi wophila; ngokuba umphefumlo wakhe uya kuba lixhoba, aphile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Utsho *uNdikhoyo ukuthi: ‘Umntu oya kusala kwesi sixeko uza kufa ngekrele, yindlala, nangubhubhani, kanti ke lowo uzinikezelayo kumaKaledi uya kusinda, aphile.’