Jeremiah 38:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bona ke, bonke abafazi, abaseleyo endlwini yokumkani wo‐Juda, baya kupunyiselwa kuzo inkosana zokumkani we‐Babilone; abaya kuti: Abahlobo bako bakuhendile, bakweyisile; inyawo zako zitshonile eludakeni, bona bahlehlile ngomva.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yabona, bonke abafazi abaseleyo endlwini yokumkani wakwaYuda, baya kukhutshwa basiwe kubathetheli bokumkani waseBhabheli, bathi abafazi abo, Amadoda axolelene nawe akuxhokonxile, akweyisile; zitshonile nje emgxobhozweni iinyawo zakho, wona abuya umva.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabona, bonke abafazi abaseleyo endlwini yokumkani wakwaYuda baya kusiwa kwiinkosana zokumkani waseBhabheli, bathi bona, Abahlobo bakho bakuxabele, bakoyisa; zitshone eludakeni iinyawo zenu, zijike.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
bonke abafazi abasesebhotwe lokumkani wakwaJuda baya kusiwa kumaphakathi okumkani waseBhabheli. Abo bafazi bothi kuwe: “ ‘Bakulukuhle weyela abo gxa bakho bebhongo. Ngoku inkal' ixing' etyeni – bakushiye kwesinomhlwa.’