Jeremiah 38:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nabo bonke abafazi bako, nabantwana bako, bobapumisela kuma‐Kaledine, nawe akuyi kusinda esandleni sawo; ngokuba uya kubanjwa ngesandla sokumkani we‐Babilone, nesixeko esi uya kusitshisa ngomlilo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke bonke abafazi bakho noonyana bakho baya kukhutshwa, basiwe kumaKaledi, ungasindi wena esandleni sawo; ke wena uya kubanjwa sisandla sokumkani waseBhabheli, utshisise lo mzi ngomlilo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ngoko, bonke abafazi bakho nabantwana bakho baya kubanikela kumaKaledi; yaye akuyi kusinda esandleni sawo, yaye ngokuqinisekileyo uya kubanjwa sisandla sokumkani waseBhabhiloni; awutshise lo mzi ngomlilo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Bonke abafazi bakho nabantwana bakho baya kusiwa kumaKaledi. Wena akuyi kuphuncula esandleni sawo: uya kubanjwa ngukumkani waseBhabheli, nesi sixeko sitshatyalaliswe ngomlilo.”