Jeremiah 38:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zasuka zonke inkosana zeza ku‐Jeremiya, zambuza; wati yena wazixelela njengawo onke lamazwi abewayalelwe ngukumkani; zada zamyeka, ngokuba indawo ibingaviwanga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Beza kuYeremiya bonke abathetheli, bambuza; wabaxelela ngokwaloo mazwi onke abewise umthetho ngawo ukumkani. Bathi tu, bemka kuye; ngokuba ayivakalanga le nto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Beza kuYeremiya bonke abathetheli, bambuza; wabaxelela ngokwaloo mazwi onke abemwisele umthetho ngawo ukumkani. Bayeka ukuthetha naye; ngokuba loo nto ayiqondwanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zaya kuJeremiya zonke iziphathamandla, zafika zambuza ngencoko yakhe nokumkani. Wazixelela konke athe ukumkani aze azixelele kona. Azibanga nakumphikisa kuba yayingavelwanga bani incoko yakhe nokumkani.