Jeremiah 38:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako inkosana zati kukumkani: Mayifiswe ke indoda le, ngokuba ngokunjalo inqenisa izandla zamadoda okulwa aseleyo kwesisixeko, nezandla zabantu bonke, ngokuteta kubo njengalamazwi: ngokuba lendoda ingafuneli ababantu uxolo, kodwa ububi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi ke abathetheli kukumkani, Mayibulawe le ndoda, ngokuba ngokwenjenje iwisa izandla zamadoda okulwa, aseleyo kulo mzi, nezandla zabantu bonke, ngokuthetha kubo amazwi anje;ngokuba le ndoda ayilungxamele uxolo lwaba bantu, ingxamele ububi babo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathi ke abathetheli kukumkani, Siyakucela kuwe, ukuba mayibulawe le ndoda, ngokuba wenjenje ukuxengxeza izandla zamagorha aseleyo kulo mzi, nezandla zabantu bonke, ngokuthetha ngokwaloo mazwi; yada indoda yenza njalo engafuni okulungileyo kwesi sizwe, kodwa ezimbi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko iziphathamandla ezo zathi kukumkani: “Lo mfo makafe, kuba utyhafisa amajoni ashiyekileyo apha esixekweni, kwakunye nabantu bonke, ngezi zinto azithethayo. Akabanqweneleli buhle abantu; ubanqwenelela ububi.”