Jeremiah 38:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zandula zamtabata u‐Jeremiya, zamposa emnxunyeni ka‐Malekiya unyana ka‐Hameleke, obusenkundleni yentolongo; zaye zimhlisa u‐Jeremiya ngentambo: nasemnxunyeni lowo bekungeko amanzi, kodwa udaka; waza watshona u‐Jeremiya eludakeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bamthabatha uYeremiya, bamphosa emhadini kaMalekiya unyana wokumkani, obusentendelezweni yabalindi; bamhlisa uYeremiya ngezintya emhadini, lowo ungenamanzi, unodaka; watshona eludakeni uYeremiya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bandula ke bamthabatha uYeremiya baza bamphosa equleni likaMalekiya unyana kakumkani kakumkani, elalikwintendelezo yentolongo; bamehlisa uYeremiya ngeentsontelo. Bekungekho manzi equleni, ludaka lodwa; ngoko ke, uYeremiya watshona eludakeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bamthatha ke uJeremiya, baya kumfaka emhadini owawusenkundleni yabalindi kwaMalekiya unyana kakumkani. Bamthoba ngentambo ukumsa ezantsi kuloo mhadi owawungenamanzi, iludaka lodwa. Watshona kwelo daka ke uJeremiya.