Jeremiah 38:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nkosi yam kumkani! lamadoda enze ngokukohlakeleyo ngako konke akwenzileyo ku‐Jeremiya umprofite, lowo amposileyo emnxunyeni; waeya kufa ngokulamba endaweni yake, ngokuba kungaseko isonka esixekweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nkosi yam, kumkani, la madoda enze into embi ngako konke akwenzileyo kuYeremiya umprofeti lo, amphosa emhadini; uya kufa yindlala kuloo ndawo akuyo, ngokuba akusekho sonka kulo mzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nkosi yam kumkani, la madoda enze ububi ngako konke akwenzileyo kuYeremiya umprofeti, lowo amphosayo equleni; unjengobulawa yindlala kuloo ndawo akuyo, ngokuba akusekho sonka kulo mzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Noko, mhlekazi, imbi yonke le nto yenziwe ngala madoda kumshumayeli uJeremiya, ukweyelisela umntu emhadini apho aya kulamba afele khona xa kungasekho kutya esixekweni.”