Jeremiah 39:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa abangamahlwempu ebantwini, abo abangenanto, wabasalisa u‐Nebuzaradane inkosi yomlisela elizweni lakwa‐Juda, wabanika izitiya namasimi ngomhla lowo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ke inxenye yabantu abazizisweli, abangenanto iyinto, uNebhuzaradan, inkulu yabasiki, wayishiya ezweni lakwaYuda, wayinika izidiliya namasimi ngaloo mhla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki, wabashiya ezweni lakwaYuda inxenye yabantu abazizisweli, ababengenanto, wabanika izidiliya namasimi ngelo xesha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa inxalenye yabantu ababengamahlwempu angenanto tu, wabashiya ezweni lakwaJuda umphathi uNebhuzaradan, wababela amasimi nezidiliya.