Jeremiah 39:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
batuma ke bamsusa u‐Jeremiya enkundleni yentolongo, bamnikela ku‐Gedaliya unyana ka‐Ahikame, unyana ka‐Shafane, ukuba ampumise aye endlwini: kwa njalo u‐Jeremiya wahlala pakati kwabantu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
bathuma bamthabatha uYeremiya entendelezweni yabalindi, bamnikela kuGedaliya unyana ka-Ahikam, unyana kaShafan, ukuba amkhuphe amse ekhaya. Wahlala ke phakathi kwabantu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathumela ke, bamthabatha uYeremiya entendelezweni yentolongo, bamnikela kuGedaliya, unyana ka-Ahikam, unyana kaShafan, ukuba ambuyisele endlwini yakhe; ke ngoko, wahamba waya kuhlala phakathi kwabantu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
bathi makuye kukhutshwa uJeremiya kulaa nkundla yabalindi wayehlala kuyo. Bamnikezela kuGedaliya unyana ka-Ahikam unyana kaShafan ukuba amgoduse. Wasala wahlala phakathi kwabantu bakowabo ke uJeremiya.