Jeremiah 39:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zaza zangena zonke inkosana zokumkani we‐Babilone, zahlala esangweni lapakati, u‐Neregale‐sharetsere, u‐Samgari‐nebo, u‐Sarese?-?kime inkosi yabatenwa, u‐Neregale‐sharetsere inkosi yezilumko, nazo zonke ezinye inkosana zokumkani we‐Babilone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
bafika bonke abathetheli bokumkani waseBhabheli, bahlala esangweni laphakathi: ooNergale-sharetsere, noSamgare-nebho, noSarsekim umthetheli wamathenwa, noNergale-sharetsere umthetheli wezazi, nabanye abathetheli bonke bokumkani waseBhabheli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zangena ke zonke iinkosana zokumkani waseBhabheli, zahlala esangweni eliphakathi: ooNergali-saretsere, noSamgarnebho, noSarsegim, noRabhesarisi, noNergali-tseretsere, noRabhege, nabanye abathetheli bokumkani waseBhabheli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zesuka zonke iziphathamandla zekumkani yaseBhabheli zaya kutsho ngakwiSango eliseMbindini, zafika zee nqwadalala ezihlalweni apho; yayingooNerigale-sharezere, noSamagare-nebho, noSarsekim umphathi oyintloko, nomnye uNerigale-sharezere owayeyingqwayi-ngqwayi yomkhosi, kunye nezinye iindwalutho zokumkani waseBhabheli.