Jeremiah 39:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati, okuya wazibonayo u‐Zedekiya ukumkani wo‐Juda, nawo onke amadoda okulwa, bandula besaba, bapuma ngobusuku esixekweni, ngendlela yomyezo wokumkani, ngesango elipakati kwendonga zimbini; wayepuma ngendlela yetafa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, akubabona uZedekiya ukumkani wakwaYuda namadoda onke okulwa, babaleka, baphuma ngobusuku phakathi komzi ngendlela yomyezo wokumkani, ngesango eliphakathi kweendonga, baphuma ngendlela yeArabha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wababona uZedekiya ukumkani wakwaYuda, namadoda onke okulwa, basaba baphuma phakathi komzi ebusuku ngendlela yomyezo wokumkani, ngesango eliphakathi kweendonga zombini, baphuma phandle kwindlela ecacileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bathe bakuzibona ezi ziphathamandla ooZedekiya ukumkani wakwaJuda ekunye nomkhosi wakhe wonke, basaba; bemka ngobusuku esixekweni ngendlela edlula ngasesitiyeni sikakumkani, baphuma ngesango eliphahlwe ziindonga, babalekela entilini yeJordan.