Jeremiah 39:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa impi yama‐Kaledine yabaputuma, yamfumana u‐Zedekiya ematafeni ase‐Jeriko, yambamba, yamnyusela kuye u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, e‐Ribela, elizweni le‐Hamati, owateta imigwebo pezu kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Impi yamaKaledi yabasukela, yamfikela uZedekiya ezinkqantosini zaseYeriko; yamthabatha, yenyuka naye, yamsa kuNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, eRibhela ezweni laseHamati; athethwa khona amatyala akhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umkhosi wamaKaledi wabasukela, wamthimba uZedekiya ezinkqantosini zaseYeriko; emva kokuba embambile, amzisa kuNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabhiloni, eRibhela kwilizwe laseHamati, apho waba ngumgwebi wakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umkhosi wamaKaledi wabasukela wamfumana uZedekiya kuloo mathafa aseJeriko. Amthatha amsa kukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli owayeseRibhela ezweni laseHamati. Lathethwa apho ityala likaZedekiya, waza wagwetywa.