Jeremiah 4:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndaza ndati: Au, Nkosi Yehova! ngenyaniso ukohlisile kakulu abantu aba, ne‐Yerusaleme, usiti: Niya kuba noxolo; kanti iṙele liyafikela ebomini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndathi ke, Kwowu, Nkosi Yehova, inyaniso, ubalukuhlile kakhulu aba bantu neYerusalem, usithi, Niya kuba noxolo; libe ikrele lide lafika emphefumlweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndathi ke, Awu, Nkosi Yehova! Ngenene ululahlekisile olu hlanga neYerusalem ngokuthi: Niya kuba noxolo; xa ikrele lifika emoyeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndithe ke mna: “Awu, Nkosi Ndikhoyo, ubakhohlise mpela abantu neJerusalem ngokuthi: ‘Niya kuba noxolo,’ ukanti ikrele selibekwe emqaleni!”