Jeremiah 4:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngeloxesha kuya kutiwa kwababantu nakwi‐Yerusaleme: Umoya ofudumeleyo wasezindaweni ezipezulu entlango, ngakuyo intombi yabantu bam, kungekukuba wele, kungekukuba ucokise kanjalo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngelo xesha kuya kuthiwa kwaba bantu nakwiYerusalem, Umoya olulophu lwaseluqayini entlango uza ngendlela yentombi yabantu bam, ungazeli kwela, ungazeli kucoca;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngelo xesha kuya kuthiwa kwaba bantu nakwiYerusalem, Umoya owomileyo encotsheni yentlango uyifikele intombi yabantu bam, ungavuthuzi, ungahlambululi;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngelo xesha abantu neJerusalem baya kuxelelwa kuthiwe: “Kuza kuvuthuza umoya onolophu, uvela ezincotsheni ezibharhileyo entlango, usinge ebantwini bam. Umoya ovela kum awuyi kuba yiyo impepho nje yokwela okanye yokucoca ingqolowa,