Jeremiah 4:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Isapuko pezu kwesapuko siyashunyayelwa; ngokuba ilizwe lonke licitakaliswa; ngesiqupe ziyacitakaliswa intente zam, na ngepanyazo izikuselo zam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kumenyezwa intshabalalo kantshabalalo, ngokuba libhuqiwe lonke ilizwe; zibhuqiwe ngesiquphe iintente zam; ngephanyazo, amalengalenga am.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuxelwa intshabalalo kantshabalalo; ngokuba ihlabathi liphela litshabalele; ngoko nangoko iintente zam zadilizwa kunye nekhethini zam ngomzuzwana.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuvakala le ntlekele, kuvakale le; ilizwe lonke lifile. Ngequbuliso iintente zakowethu zibhuqiwe, ngephanyazo imikhusane yethu ayisekho.