Jeremiah 4:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngenyaniso abantu bam banyabile; mna abandazi; balusapo oludolileyo; abanakuqonda: balumkile ukwenza okukohlakeleyo, kodwa ukwenza okulungileyo abakwazi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba bamathile abantu bam, mna abandazi; ngoonyana abazizidenge, abanangqondo bona; banobulumko bokwenza ububi, ukulungisa abakwazi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba bamathile abantu bam, mna abandazi; ngoonyana abangenamandla, abangenangqondo; balumkile ekwenzeni ububi, kodwa ekwenzeni okulungileyo abaqondi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena *uNdikhoyo uthi: “Baziziyatha kambe abantu bam; abade bandazi. Bazizityhakala zabantwana abangenangqiqo. Ngamachebesha okwenza okubi, kodwa ngamaqhitala kokulungileyo.”