Jeremiah 4:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba esitsho uyehova kumadoda akwa‐Juda nakwi‐Yerusaleme nkuti: Ziku̔beleleni umhlaba olifusi, ningahlwayeli pakati kwenkanga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba uthi uYehova kumadoda akwaYuda nakwiYerusalem, Zikhubeleleni intsinde, ningahlwayeli emithaneni enameva.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba wathi uYehova kumadoda akwaYuda naseYerusalem, ‘Likhumbeni ilizwe elilinyiweyo, yaye ningahlwayeli emithaneni enameva.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku uthi uNdikhoyo kubantu bakwaJuda nakubemi baseJerusalem: “Wugelesheni lo mhlaba wenu ube yintsimi, ningatyali phakathi kweenkunzane.