Jeremiah 4:30 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nawe ocitakalisiweyo! uya kwenza nto nina? nakuba uzivatisa ngento ebomvu, nakuba uzihomba ngezihombo zegolide, nakuba uṙazula amehlo ako ngeqabo, wofumana uzenza mhle; abatandwa bako bokudela, baya kufuna ubomi bako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke wena ubhuqiweyo, uyakuthini na? Nokuba uthe wambatha ezibomvu, nokuba uthe wavatha izivatho zegolide, nokuba uthe wawazoba amehlo akho ngestibhiya, ufumane wahomba: ziya kukucekisa izithandane, zifuna umphefumlo wakho,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba uyeba, uya kuthini na? Nokuba uthe wayambetha ingubo emfusa, nokuba uthe wahomba ngezihombo zegolide, nokuba ubuqabe ubuso bakho ngepeyinti, uya kwenzelwa ilize; abakuthandayo baya kukucekisa, bafuna umphefumlo wakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wenza ntoni, Jerusalem, uselushwatyulelwe nje? Kutheni watsho ngezivatho ezibomvu? Yini, watsho ngamajikolo, waqaba amehlo? Ufane wahombela ilize! Zikulahlile izithandwa zakho; sezifuna ukukubulala.