Jeremiah 40:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo onke ama‐Juda abese‐Mowabi, napakati kwosapo luka‐Hamoni, nase‐Edome, nalawo abesemazweni onke, akuva ukuba ukumkani we‐Babilone ushiyile isisalela so‐Juda, nokuba umisile pezu kwabo u‐Gedaliya, unyana ka‐Ahikame, unyana ka‐Shafane;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
NamaYuda onke abe ekwelakwaMowabhi, nakoonyana baka-Amon, nakwelakwaEdom, nabasemazweni onke, eva ukuba ukumkani waseBhabheli umise amasalela kwaYuda, nokuba umenze umveleli wawo uGedaliya unyana ka-Ahikam, unyana kaShafan.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwangokunjalo, eva onke amaYuda awayekwaMowabhi, noonyana baka-Amon, namaEdom, nabebekumazwe onke, ukuba ukumkani waseBhabheli uwashiyile amasalela akwaYuda, nokuba umisele unyana kaGedaliya ukuba abe likrele ityala kubo ka-Ahikam, unyana kaShafan;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Athi amaJuda awayekwaMowabhi, nawayekwa-Amon, nakwaEdom, nakuwo onke amanye amazwe, akuva ukuba ukumkani waseBhabheli washiya igcudwana kwaJuda, waza wamisa uGedaliya unyana ka-Ahikam ozalwa nguShafan ukuba abe ngumphathiswa,