Jeremiah 40:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
andula onke ama‐Juda abuya kuzo zonke indawo apo ebegxotelwe kona, eza elizweni lakwa‐Juda, ku‐Gedaliya e‐Mitsipa, abuta iveyine, neziqa̔mo zehlobo, into eninzi kakulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abuya ke onke amaYuda, ezindaweni zonke abegxothelwe kuzo, eza elizweni lakwaYuda kuGedaliya eMizpa, abutha iwayini neziqhamo zasehlotyeni, zazininzi kakhulu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke onke amaYuda abuya kuzo zonke iindawo awayethinjelwe kuzo aza eza kwilizwe lakwaYuda kuGedaliya eMizpa aqokelela iwayini eninzi neziqhamo zasehlotyeni ezininzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
asuka onke, abuyela kwelakwaJuda, aya kuGedaliya eMizpa. Ayesuka kumazwe ngamazwe awayethe saa kuwo. Aqokelela intaphane yewayini neziqhamo zasehlotyeni.