Jeremiah 40:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
bati kuye: Uka wazi na ukuba u‐Balisi, ukumkani wosapo luka‐Hamoni, utumile u‐Shimayeli unyana ka‐Netaniya ukuza kukubulala ubomi? Kodwa u‐Gedaliya unyana ka‐Ahikame ebengakolwa ngabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi kuye, Uhleli usazi na ukuba uBhahalisi, ukumkani woonyana baka-Amon, uthume uIshmayeli unyana kaNetaniya, ukuba akubulale? Ke uGedaliya unyana ka-Ahikam ubengakholwa ngabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kuye, Uyazi na ukuba uBhahali, ukumkani woonyana baka-Amon, uthume uIshmayeli unyana kaNetaniya, ukuba akubulale? Kodwa uGedaliya unyana ka-Ahikam akazange abakholelwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
bathi kuye: “Akuvanga na ukuba uBhahalisi ukumkani wama-Amon uthumele uIshmayeli unyana kaNetaniya ukuba akugwinte?” UGedaliya yena unyana ka-Ahikam akazange abakholelwe.