Jeremiah 40:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Johanane unyana ka‐Kareha wateta ku‐Gedaliya ngasese e‐Mitsipa, esiti: Mandihambe ke, ndiye ndimbulale u‐Shimayeli unyana ka‐Netaniya, kwakungayi kubako umntu owaziyo: kunganina ukuba akubulale ubomi, nokuba onke ama‐Juda abutelweyo kuwe atiwe sa, nesisalela so‐Juda sibube?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYohanan unyana kaKareha wathetha kuGedaliya ngasese eMizpa, wathi, Makhe ndiye ndimbulale uIshmayeli unyana kaNetaniya, kungazi mntu; yini na ukuba ade abulale wena, achithwachithwe amaYuda onke ahlanganisene kuwe, atshabalale amasalela akwaYuda?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waza uYohanan unyana kaKareya wathetha kuGedaliya ngasese eMizpa, wathi: “Mandimbulale uIshmayeli unyana kaNetaniya, kungabikho bani waziyo; Yini na ukuba ade akubulale, ukuze kuvakaliswe onke amaYuda ahlanganiseneyo kuwe, atshatyalaliswe amasalela akwaYuda?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko uYohanan unyana kaKareya waya kuGedaliya ngasese apho eMizpa, wathi: “Ndivumele ndiye kubulala uIshamyeli unyana kaNetaniya; akukho mntu uya kuyazi loo nto. Makangayekwa akubulale, aze la maJuda aqokeleleke apha phantsi kwakho athi saa, atshabalale amasalela akwaJuda.”