Jeremiah 40:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Gedaliya unyana ka‐Ahikame wati ku‐Johanane unyana ka‐Kareha: Akuyi kuyenza lento, ngokuba uteta ubuxoki ngaye u‐Shimayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UGedaliya unyana ka-Ahikam wathi kuYohanan unyana kaKareha, Musa ukuyenza loo nto; ngokuba uthetha ubuxoki ngoIshmayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uGedaliya unyana ka-Ahikam kuYohanan unyana kaKareha, Musa ukuyenza loo nto, ngokuba uthetha ngobuqhophololo ngoIshmayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UGedaliya waphendula uYohanan ngelithi: “Uze ungakhe uyenze into enjalo! Bubuxoki le nto wena uyithethayo ngoIshmayeli.”