Jeremiah 40:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakaloku, bona ke, ndikukulule namhla emixokolelwaneni ebipezu kwezandla zako: ukuba kulungile emehlweni ako ukuza nam e‐Babilone, yiza ke, ndandiya kubeka iliso lam pezu kwako; kodwa ukuba kubi emehlweni ako ukuza nam e‐Babilone, yeka ke: kangela, ilizwe lonke lipambi kwako; indawo elungileyo nefaneleyo emehlweni ako ukuba uye kuyo, yiya kwa kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kaloku ke yabona, ndiyayicombulula namhla imixokelelwane esezandleni zakho. Ukuba kuthe kwalunga emehlweni akho ukuya nam eBhabheli, yiza, ndolimisa iliso lam kuwe; ukuba kuthe kwakubi emehlweni akho ukuya nam eBhabheli, yeka ke. Uyabona, ilizwe lonke liphambi kwakho; ukuya apho kuthe kwalunga kwathi tye emehlweni akho, oko kokwakho, yiya khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabona, namhlanje ndiya kuyikhulula imixokelelwane ebisesandleni sakho; Ukuba kuthe kwalunga kuwe ukuya nam eBhabheli, yiza; ndoninyamekela kakuhle; ke ukuba kubi emehlweni akho ukuya nam eBhabheli, yiyeke; uyabona, ihlabathi liphela liphambi kwakho; apho kuthe kwalunga emehlweni akho ukuba uye khona, yiya khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uyabona, namhlanje ndiza kukukhulula kula matyathanga ubotshwe izandla ngawo. Ungaya nam eBhabhehli ukuba uyafuna; ndokulungiselela. Phofu ungasala uhlale apha ukuba akufuni, okanye ungaya naphi na apho uthanda khona kweli lizwe.”