Jeremiah 40:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa angekabuyi, yati: Uze ubuyele ku‐Gedaliya, unyana ka‐Ahikame, unyana ka‐Shafane, lowo ukumkani we‐Babilone umenzile umongama pezu kwezixeko zakwa‐Juda, uhlale naye pakati kwabantu: umhlaumbi uye apo kusukuba kufanele emehlweni ako ukuya kona. Yaza inkosi yomlisela yamnika umpako wendlela, nebaso, yamndulula.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthe ke engekabuyi, wathi, Buyela kuGedaliya unyana ka-Ahikam, unyana kaShafan, owenziwa umveleli ngukumkani waseBhabheli emizini yakwaYuda, uhlale naye phakathi kwabantu;okanye uye apho kuthe tye emehlweni akho ukuya khona.Umthetheli wabasiki wamnika umxhesho nesipho, wamndulula.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe engekabuyi, wathi, Buyela kuGedaliya, unyana ka-Ahikam, unyana kaShafan, lowo ukumkani waseBhabheli ammiseleyo ukuba abe ngumphathi wemizi yakwaYuda, uhlale naye kude kube sekufeni izizwe; apho kubonakala kufanelekileyo ukuba uye khona. Ingqwayi-ngqwayi yabalindi yamnika ukutya nomvuzo, yamkhulula.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke engekahambi uJeremiya uNebhuzaradan uqokele wenjenje: “Ungabuyela kuGedaliya unyana ka-Ahikam ozalwa nguShafan, omiselwe ukuba alawule iidolophu zakwaJuda ngukumkani waseBhabheli. Ungahlala naye phakathi kwamawenu, okanye uye naphi na apho uthanda khona.” Watsho emnika umphako loo mphathi-balindi kwakunye nesipho, wamndulula uJeremiya.