Jeremiah 40:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zati zakuva zonke inkosi zezimpi ezibe zisezindle, zona namadoda azo, ukuba ukumkani we‐Babilone wenzile u‐Gedaliya unyana ka‐Ahikame umongama pezu kwelizwe, nokuba umpatisile amadoda, nabafazi, nentsapo, namahlwempu elizwe, abo ababengafuduselwanga e‐Babilone,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku beva bonke abathetheli bezimpi ezisendle, bona namadoda abo, ukuba ukumkani waseBhabheli umenze umveleli welizwe uGedaliya unyana ka-Ahikam, nokuba umenze umveleli wamadoda, nabafazi, nabantwana, nezisweli zelizwe, kwababengafuduselwanga eBhabheli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Beva bonke abathetheli beintendelezo zelizwe, bona namadoda abo, ukuba ukumkani waseBhabheli umise uGedaliya unyana ka-Ahikam, ukuba abe ngumlawuli welizwe, umise amadoda, nabafazi, nabantwana ekunyamekeleni kwakhe nabasweleyo belizwe, ababengabathinjelwa eBhabheli;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani waseBhabheli wamisela uGedaliya unyana ka-Ahikam ukuba abe ngumphathiswa welizwe elo, abe phantsi kwakhe loo madoda nabafazi nabantwana kwabo bahlelelekileyo ababengafuduswanga basiwa eBhabheli. Ke abaphathi bamabutho ababesemaphandleni benamadoda awo, bakukuva oku,