Jeremiah 40:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
zandula zeza ku‐Gedaliya e‐Mitsipa: kwa u‐Shimayeli unyana ka‐Netaniya, no‐Johanane no‐Jonatane onyana baka‐Kareha, no‐Seraya unyana ka‐Tanehumete, nonyana baka‐Hefai um‐Netofati, no‐Yezaniya unyana wom‐Mahaka, bona namadoda abo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Beza ke kuGedaliya eMizpa, inguIshmayeli unyana kaNetaniya, noYohanan noYonatan oonyana bakaKareba, noSeraya unyana kaTanumete, noonyana bakaEfayi waseNetofa, noYezaniya umntu waseMahaka, bona namadoda abo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Beza ke kuGedaliya uMizpa, onguIshmayeli, unyana kaNetaniya, noYohanan noYonatan, oonyana bakaKareha, noSeraya, unyana kaTanumet, noonyana bakaEfayi, noMonetofa, noYeshaniya unyana ka. Owu waseMahaka, bona namadoda abo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
basuka baya eMizpa apho kuGedaliya. Babekhokelwe ngooIshmayeli unyana kaNetaniya, uYohanan noJonatan oonyana bakaKareya, kunye noSeraya unyana kaTanumeti, bekunye noonyana bakaEfayi wakwaNetofa, kunye noYaziya umfo waseMahaka, nabalandeli babo.