Jeremiah 40:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Gedaliya, unyana ka‐Ahikame, unyana ka‐Shafane, wafunga kubo nakumadoda abo, ngokuti: Ningoyiki ukukonza ama‐Kaledine; hlalani elizweni, nimkonze ukumkani we‐Babilone, kwakuya kulunga kuni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UGedaliya unyana ka-Ahikam, unyana kaShafan, wabafungela namadoda abo, esithi, Musani ukoyika ukuwakhonza amaKaledi;hlalani kweli lizwe, nimkhonze ukumkani waseBhabheli, kulunge kuni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uGedaliya unyana ka-Ahikam, unyana kaShafan, wabafungela namadoda abo, esithi, Musani ukoyika ukuwakhonza amaKaledi; hlalani kweli lizwe, nikhonze ukumkani waseBhabheli, konilungela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wafunga uGedaliya, unyana ka-Ahikam, umzukulwana kaShafan, wathi kubo nabalandeli babo: “Ze ningoyiki ukuwakhonza amaKaledi. Hlalani apha kweli lizwe, nithobele ukumkani waseBhabheli. Xa nenjenjalo niya kulungelwa.