Jeremiah 41:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute ngenyanga yesixe̔nxe, kweza u‐Shimayeli, unyana ka‐Netaniya, unyana ka‐Elishama, owenzalo yobukumkani, nabakulu bokumkani, namadoda alishumi enaye, ku‐Gedaliya unyana ka‐Ahikame e‐Mitsipa; baye besidla kona isonka ndawonye e‐Mitsipa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ngenyanga yesixhenxe, weza uIshmayeli unyana kaNetaniya, unyana kaElishama, wasembewini yokumkani, wakubathetheli bokumkani, enamadoda alishumi, kuGedaliya unyana ka-Ahikam eMizpa; badla isonka ndawonye eMizpa apho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenyanga yesixhenxe, kweza uIshmayeli unyana kaNetaniya, unyana kaElishama, owendlu yokumkani, nabathetheli bokumkani, enamadoda alishumi, kuGedaliya unyana ka-Akikam, eMitspe; yaye apho badla isonka ndawonye eMisepa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwathi ngenyanga yesixhenxe uIshmayeli unyana kaNetaniya unyana kaElishama, owayengumntwana wegazi ekwayingqwayi-ngqwayi kakumkani, waya eMizpa kuGedaliya unyana ka-Ahikam, ehamba neshumi lamadoda, baza batya kunye. Kwathi ke besahleli etafileni apho