Jeremiah 41:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Shimayeli watimba sonke isisalela sabantu abebese‐Mitsipa, intombi zokumkani, nabo bonke abantu abebesele e‐Mitsipa, abo u‐Nebuzaradane inkosi yomlisela ubempatisile bona u‐Gedaliya unyana ka‐Ahikame; wabatimba ke u‐Shimayeli, unyana ka‐Netaniya, wemka ukuya kuwelela elusatsheni luka‐Hamoni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UIshmayeli wawathimba onke amasalela abantu abaseMizpa, iintombi zokumkani, nabantu bonke ababesele eMizpa, abenziwe umveleli wabo uGedaliya unyana ka-Ahikam nguNebhuzaradan, umthetheli wabasiki; wabathimba ke uIshmayeli unyana kaNetaniya, wahamba, wawelela koonyana baka-Amon.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waza uIshmayeli wabathimba yonke intsalela yabantu ababeseMizpa, iintombi zikakumkani nabo bonke abantu ababesele eMizpa, abo uNebhuzaradan umphathi wamafanankosi wababeka phantsi kolawulo lukaGedaliya unyana ka-Ahikam; noIshmayeli unyana waseNetaniya wabafudusa, wemka waya koonyana baka-Amon.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UIshmayeli wathimba bonke abantu abâsaláyo eMizpa, iintombi zokumkani nabanye bonke abasala ngexesha uNebhuzaradan umphathi-balindi bakomkhulu waphathisa uGedaliya unyana ka-Ahikam. Wahamba nabo wawelela kwelaseAmon.