Jeremiah 41:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Shimayeli unyana ka‐Netaniya wasinda namadoda asibozo ebusweni buka‐Johanane, waya kulo usapo luka‐Hamoni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke uIshmayeli unyana kaNetaniya wasinda, enamadoda asibhozo, ebusweni bukaYohanan, waya koonyana baka-Amon.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke uIshmayeli unyana kaNetaniya wabaleka, enamadoda asibhozo kuYohanan, waya koonyana baka-Amon.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waphuncuka kodwa yena uIshmayeli unyana kaNetaniya namadoda asibhozo, baya kutsho kwelama-Amon.