Jeremiah 41:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wasitabata u‐Johanane unyana ka‐Kareha, nazo zonke inkosi zezimpi ezibe zinaye, sonke isisalela sabantu abebabuyisile ku‐Shimayeli unyana ka‐Netaniya, e‐Mitsipa, emveni kwokuba ebembulele u‐Gedaliya unyana ka‐Ahikame, amaṙoti angamadoda okulwa, nabafazi, nentsapo, nabatenwa abebabuyisile e‐Gibeyone:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wawathabatha uYohanan unyana kaKareha, nabathetheli bonke bezimpi ababenaye, onke amasalela abantu, awababuyisayo kuIshmayeli unyana kaNetaniya eMizpa, emveni kokuba ebembulele uGedaliya unyana ka-Ahikam, amagorha, amadoda okulwa, nabafazi, nabantwana, namathenwa, abewabuyisile eGibheyon.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYohanan unyana kaKareha wathabatha kunye naye bonke abathetheli bempi ababenaye, namasalela onke abantu, awabakhululayo wabakhululayo kuIshmayeli unyana kaNetaniya, eMizpa, ekuzaleni kwakhe uGedaliya unyana wakhe ka-Akikame, owabulawayo ewe, amadoda okulwa, nabafazi, nabantwana, namathenwa, awayebabuyisele eGibheyon;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJohanan unyana kaKareya, ekunye nabaphathi-mabutho, bajika namasalela abantu abaqweqwediswa nguIshmayeli unyana kaNetaniya owagwinta uGedaliya unyana ka-Ahikam esuka nabo eMizpa. Yayingamadoda axhobileyo, abafazi nabantwana, namagosa asebhotwe awayevela nawo eGibheyon.