Jeremiah 41:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Shimayeli unyana ka‐Netaniya wapuma e‐Mitsipa ukuya kuwakaulela, ehamba emana elila; kwaza kwati, nxa abehlangana nawo, wati kuwo: Yizani ku‐Gedaliya unyana ka‐Ahikame.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphuma eMizpa uIshmayeli unyana kaNetaniya, waya kuwakhawulela, emana ehamba elila. Kwathi, akufika kuwo, wathi kuwo, Yizani kuGedaliya unyana ka-Ahikam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphuma eMizpa uIshmayeli unyana kaNetaniya, eya kuwakhawulela, emana emana edanduluka; waqubisana nawo, wathi kuwo, Yizani kuGedaliya unyana ka-Ahikam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UIshmayeli unyana kaNetaniya wasuka eMizpa, wawahlangabeza ehamba elila. Ufikile kubo, wathi: “Yizani kuGedaliya unyana ka-Ahikam.”