Jeremiah 41:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwabekute, nxa abefikile pakati kwesixeko, waza u‐Shimayeli unyana ka‐Netaniya wawabulala, wawaposa pakati kwomnxuma, yena namadoda abenaye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, akufika phakathi komzi, wawabulala uIshmayeli unyana kaNetaniya, wawalahlela emhadini phakathi, yena namadoda lawo abenaye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bakufika phakathi esixekweni, uIshmayeli unyana kaNetaniya wababulala waza wabaphosa emhadini, yena namadoda awayenaye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa athi nje akuthi cakatha phakathi esixekweni, uIshmayeli nabo babehamba naye bawatyakatya loo madoda, bawaphosa emhadini.